The Star News

Makuphele ukubukulanaeMzantsi Afrika!

Pedro Mapelo|Published

Pedro Mapelo

Sekuphele ixesha elingangeveki kuhlaselwa abantu abasuka kwamanye amazwe angaphandle. Olu hlaselo luqale kwiphondo iKwaZulu Natal, ngoku linwenwela eRhawutini, selisube imiphefumlo yabantu abahlanu. Ezi ziganeko zokubukulwa kwabantu abazalwa kwalapha e-Afrika zikhalinyelwe kakhulu ngusekela mqeqeshi weKaizer Chiefs, uDoctor Khumalo. Lo ka-Khumalo uthi ukuphathwa kakubi kwabantu bezinye izizwe zalapha kweli lizwekazi le Afrika yinto embi kakhulu nengawuncediyo uMzantsi Afrika.

“Le into imbi kwaye asiyikhuthazi. Ukuhlaselwa nokuthathelwa kwabantu iimpahla zabo ngabantu belilizwe makuphele ,...” utshilo uKhumalo.

Le ndedeba ikwacele abantu belizwe lilonke nje ukuba mabahloniphe abantu nanjengoko abantu beli benikwa intlonipho xa betyelele kwamanye amazwe. “Singabantu ababathandayo kakhulu abantu nabakhuthaza uxolo ngamaxesha onke kwelilizwe.

Ukuba ngaba kukho izinto eziyingxaki phakathi kwabantu baseMzantsi Afrika nabanye abaphuma kwamanye amazwe, ngaphandle kwamathandabuzo zikhona iindlela zokufumana isisombululo.

Le into yenzekayo ayisincedi,…” wongeze ngalo mazwi uKhumalo.

“Ndiyabacela abantu beli loMzantsi Afrika ukuba bohlukane nokuphatha kakubi abanye abantu, aba ngoo-sisi noo-bhuti bethu.

Ukuba singakrwaqula kwimbali yamaqhawe ethu, uyakufumanisa ukuba phantse onke ayehlala kwamanye amazwe,...”uyigxininisile lo ndawo uKhumalo.

UDoctor Khumalo ulebele ngelithi “Namhlanje siphila kwilizwe elikhululekileyo apho abantu benza izinto abazithandayo ngokuba sancedwa kakhulu ngamanye amazwe,

Masibamkele abantu bezinye izizwe, sikhangele iindlela esino kusombulula ngayo izinto ezinokuba asivisisani ngazo. Akukhathaliseki nokuba umntu uzalelwephi na, silapha sonke ngoku.”