The Star News

Abahlali bafuna ibhulorho eLuqolweni

Abongile Ginya|Published

Khangelani Thukwayo

Abahlali base Luqolweni, eMthingwevu kude kufuphi nedolophu yase Cofimvaba bakhala esimantshiyane bebongoza urhulumente ukuba abakhele ibhulorho esemgangathweni.

Umhlali welali uSoyiso Phephani, ominyaka ingamashumi amathandathu anesibhozo (68), uthi ziliqela iingozi ezenzeka kulebhulorho. “Zininzi iingozi ezenzeka kulomlambo,abantu,izilwanyana neenqwelo ziphelela apha xa ugcwele umlambo,oko kwadilika ibhulorho yayilapha kwiminyaka engama-21 sesingathi sikwisiqithi sase-Robben Island kuba xa kunethayo njenge xesha lasehlotyeni apho kukho iimvula ezinkulu akukho bani uzayo apha, akhe afika amagosa aseburhulumenteni aphuma eBhisho sawasa kulamlambo bathi bazakwakha ibhulorho de kufuphi nomlambo kwindawo engenamhlaba oyisanti, kodwa ukuza kuthi ga ngoku kusathe cwaka,” utshilo uPhephani.

Omnye umhlali, uMhlangabezi Phetheni, uyangqina. “Saphinda saya e Bhisho ityeli lesibini ngeye Dwarha ku-2011, saphinda kwakhona kweyoMdumba ka- 2012 sacela lebhulorho inye ngaphandle koncedo,

suke basixelelela ukuba masidwelise zonke iimfuno zethu kwaneengxaki esinazo apha kodwa zange kwenzeke nto, sabhalela isebe lezokhuselo nomkhosi kuzwelonke sicela uncedo kunyaka ka -2013 kodwa zange safumana mpendulo de kubengoku,” utshilo uPhetheni.

Inqununu yesikolo sasekuhlaleni iDyofile Primary School, uLundi Mkele uthe: “Ziyaphela iinqwelo zethu thina siphangela apha umhla nezolo nto leyo yenza sithenge amavili amatsha rhoqo ngenxa yomlambo esiwela kuwo nendlela ekwimeko emaxongo, ngamanye amaxesha kuye kunyanzeleke singezi esikolweni xa ugcwele umlambo sibajike nabantwana, kunzima abantu ekubeni babalekiswe kwizibhedlele ezikufuphi ngenxa yalomlambo.”

Isithethi sika Masipala wase Ntsika Yethu uZuko Tshangana uthi ayikho phantsi kwabo lendawo.

UTshangana uthi lendawo iphantsi kweSakhisizwe. USodolophu wase Sakhisizwe u Mlamli Jentile uthe:

“Asinayo indawo ekuthiwa kuseLuqolweni kulomaspala okanye iMthingwevu ephantsi kwethu.”